BEKUYIMINCILI novuyo kubahlali base Lower Cabazana eMaXesibeni ngethuba kuvulwa iholo ngokusemthethweni kuleveki.
Iholo ivilwe ngusodolophu waseMzimvubu uZukiswa Ndevu nothe ulwakhiwo lwaleholo ludale amathuba emisebenzi kubahlali base Ward 26.
“Umasipala waseMzimvubu unikezele ngeholo yasekuhlaleni nethe yadala amathuba omsebenzi alishumi elinesine ngethuba isakhiwa. Siyazingca kuba nonokhontilakha obesokha apha uphuma kulomasipala,” utshilo uNdevu.
Uthe abantu balapha bebefudula bebambela iintlanganiso phandle, kodwa ngoku iintlanganiso kunye nemicimbi yabo izakubanjelwa kuleholo.
Abahlali bathe izobalixanduva lwabo ukugcina leholo ikhuselekile kwaye ingabiyindawo yonqevu.

