UMASIPALA waseMzimvubu ngokubambisana nombutho ojongene noboya kuzwelonke uqhuba iinkqubo zokuqeqesha ulutsha kunye namafama eMatyeni,KwaBhaca, ngezakhono zokucheba iigusha. Olu qeqesho lujolise ekuxhobiseni amafama, ulutsha kunye nabathathi nxaxheba ngezakhono, nolwazi olufunekayo ukuze bakwazi ukucheba iigusha ngendlela efanelekileyo nekhuselekileyo.
Ikwanika ithuba lokufundisa iindlela ezichanekileyo zokucheba iigusha, ukusetyenziswa kwezixhobo zokucheba kunye nokubaluleka kokukhathalelwa kwezilwanyana ngexesha lomsebenzi.
Amafama axhotyiswe ngokubaluleka kokugcina umgangatho woboya, ucoceko nokhuseleko ngexesha lokucheba kunye nendlela efanelekileyo yokukhetha uboya. Oku kunceda ekuphuculeni imveliso yoboya kunye nokukhuthaza iindlela ezifanelekileyo zokufuya. Umasipala uthe iinkqubo ezifana nezi zibalulekile ekuxhaseni amafama asekuhlaleni, ingakumbi ulutsha ngokubanika izakhono ezinokubanceda.
