KUVALWE inyanga yolutsha ngezemidlalo kumasipala waseMzimvubu EmaXesibeni, nalapho kubanjwe imidlalo yeMayoral Cup.
Lemidlalo ibijolise ekuphuhliseni izakhono zolutsha kwezemidlalo. Amaqela ezemidlalo ebhola ekhatywayo kunye nomnyazi aqale ngokukhuphisana kwiwadi zalomasipala, ze kamva akhuphisana kwisigaba esingasentla kuba kude kwadlalwa imidlalo yokuqgibela.
Ngokutsho kwalomasipala, ngamaqela aphaya ekhulwini (100) aye akhuphisana kwibhola ekhatywayo, ukanti aphaya kumashumi asibhozo kwibhola yomnyazi.
Iziphumo zemidlalo: iCubs FC ifumene indawo yokuqala, ilandelwa liqela elibizwa Abahlobo FC, kwindawo yesithathu kuphumelele iMen Bugs FC. Indawo yokuqala kwibhola yomnyazi ithathwe liqela leFourteen Stars, indawo yesibini yathathwa yiCrinums, ukanti eyesithathu yaphunyelelwa yiTshakumani.
Ethetha kumsitho wokugqibela kulemidlalo uCllr Thabisa Sokhanyile ugxininise
ukubaluleka kwale nkqubo kuphuhliso lolutsha.
“Ngale midlalo senza iinzame zokukhulisa nokuphuhlisa izakhono zolutsha lwethu, kwangaxeshanye silukhusela kwiziyobisi nakwezinye izenzo ezinokulonakalisa ikamva lalo,” uSokhanyile utshilo, waphinda wathi le yinkqubo kamasipala ayiqhuba minyaka le ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba ulutsha lwaseMzimvubu luhlala lunamathuba okuziphuhlisa.

