Bazakufumana amanzi acocekileyo

SIPHELELE NKETO

NANJENGOKO luqhuba ufakelo lwamanzi kwiilali eziphantsi kwaWadi 10 phantsi koMasipala wasekuhlaleni iWinnie Madikizela-Mandela, kulindeleke ukuba kuxhamle imizi eqikelelwa ngaphaya kwewaka.

Olufakelo manzi kuqikelelwa ukuba likumyinge ka u85%, kwaye lo msebenzi uqalwe kunyaka ophelileyo.

Kulindeleke ukuba lomsebenzi uqosheliswe kulonyaka.

Water project in Mbizana

Ukuzothi ga ngoku, leprojekthi ithe yadala amathuba emisebenzi, yagxotha ikati eziko kubahlali abangaphaya kwamashumi amahlanu.

Ngoosomashishini basekuhlaleni abathe baxhamla nabaqhubela phambili ukusebenza kwizigaba ezohlukeneyo.

Ngokutsho kuka Luncedo Walaza othethela uMasipala wase Alfred Nzo, olulwakhiwo luquka amatanki amathathu okuphehla amanzi, pump station, chambers, stand pipes, bulk pipeline kunye neHDP reticulation line.

“Ukukhawulelana nokushokoxeka kwamanzi kwiilali zale wadi, uMasipala uzokufakela iboreholes zethutyana nezizakuthi zinkinkishwe kwezilali de esi “scheme” samanzi sigqitywe sisonke kwizigaba ezohlukeneyo,” utshilo okaWalaza.

Recent News

follow us

opinion

Recent News

Subscribe and be informed first hand about the actual local news

All the day’s headlines and highlights. Direct to you every morning.

You have been successfully Subscribed! Ops! Something went wrong, please try again.