Siphelele Nketo
USODOLOPHU kumasipala waseNgquza Hill uNonkosi Pepping utyelele izikolo zamabanga aphantsi phantsi kwephulo lokujonga izimo zezikolo, ukukhuthaza otitshala, kunye nokunikezela nge-uniform kubafundi.
UPepping utyelele isikolo saseMzizangwa nalapho efike wenza intetho yakhe, kwanxityiswa abantwana abangamashumi amabini impahla yesikolo entsha.
Lempahla iquka ijezi, ihempe, iblukhwe / ilokhwe, izihlangu, amakawusi kunye nobhaka kumfundi ngamnye.
Oluhambo luphinde lwaya kwisikolo saseZanokhanyo.
“Singumasipala sinoxanduva lokuxhasa nokusondelela imfundo nanjengoko sisazi ukuba ikamva likhanya xa umntu ethe wayinyamezela imfundo. Le yinkqubo yaminyaka yonke apho siye sijonge izikolo sizixhase ngoluhlobo,”utshilo uPepping.
Ukhuthaze abafundi ukuba likhona iziko elinikezela ngemfundo ephakamileyo apha kulommandla, ekhankanya iziko lemfundo ephakamileyo laseNgqungqushe nelinikezela ngezifundo ezisisidingo ezifana nezolimo, ezobuchwephetshe, ezobunjineli nezinye.

