KULINDELEKE ukuba kufakelwe isilebhu sendlela eCabhane phantsi kwedolophu yakwaBhaca.
Oku kubhengezwe nguMasipala waseMzimvubu ukulungisa indlela eyenza kubenzima ukuhamba kwezithuthi xa indlela imanzi.
“Namhlanje sizise isilebhu kulendlela yalapha eCabhane njengoko izithuthi ingakumbi ezihambisa abantwana besikolo zisokola ukunyuka zifikele elalini ingakumbi xa imo yezulu imbi. Ngoko ke loMasipala uthe wacwangcisela esisilebhu nekubonakala abahlali balendawo besilangazelela kakhulu”, utshilo uCllr Ntombizandile Garane.
Ukulungiswa kwalendlela kulindeleke ukuba kuqukunjelwe emva kweenyanga ezintandathu.
Kulindeleke ukuba kuvuleleke amathuba omsebenzi.

