NOLUVO MGIJIMA
AMAPOLISA aseNgangelizwe eMthatha abambe abarhanelwa ababini abangamadoda aneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) namashumi amane ananye (41).
Umrhanelwa wokuqala onama 26 ubanjwe ngoLwesithathu kwilokishi yase Khwezi ngezityholo zokuqhekeza ivenkile.
Lomrhanelwa ukwatyholwa nakumanye amatyala okuphanga iivenkile kunye nokuzama ukubulala eMthatha.
Kwesinye isiganeko, indoda eneminyaka engama 41 ibanjwe ngokweba izinto zemoto kuquka namavili.
UMkomishinala wamapolisa kwisithili sase-OR Tambo Brigadier Vukile Ntuli ulincomile igqiza lamapolisa ngenyathelo elikhawulezileyo lokubamba abanrhanelwa.

